Iindumiso 125 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

UYehova ubajikelezile abantu bakhe

1. Abo bakholosa ngoYehova banjengentaba yaseZiyon:Ayishukumi, ihleli ngonaphakade.

2. IYerusalem ijikelezwe ziintaba;Ke uYehova ubajikelezile naye abantu bakhe,Kususela ngoku kude kuse ephakadeni.

3. Ngokuba ayiyi kuhlala intonga yokungendawo elifeni lamalungisa,Ukuze amalungisa angazisí ebugqwetheni izandla zawo.

4. Yehova, yenza okulungileyo kwabalungileyo,Kwabathe tye ezintliziyweni zabo.

5. Ke bona abathi gu bucala ngeendlela zabo ezimagoso-goso,UYehova makabemkise, kunye nabasebenzi bobutshinga.Malube luxolo kuSirayeli.