1. Yehova, ngubani na owophambukela ententeni yakho?Ngubani na owohlala entabeni yakho engcwele?
2. Ngohamba ngokugqibeleleyo, esenza ubulungisa,Othetha inyaniso ngentliziyo yakhe.
3. NgongĂ hlebiyo ngolwimi lwakhe,Ongamenziyo into embi uwabo,Ongamngcikiviyo ummelwane wakhe;
4. Odelekileyo, ecekiseka, kwawakhe amehlo,Obazukisayo ke bona abamoyikayo uYehova;Ofunga, angajiki, nokuba kubi kuye,
5. Ongayinikeliyo imali yakhe ukuba adle abantu ngayo,Ongenakugaqelwa ngaye omsulwa.Okwenzayo oko akayi kuza ashukunyiswe naphakade.