Iindumiso 61 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Ukukholosa ngogcino lukaThixo

1. Kuve, Thixo, ukuhlahlamba kwam;Wubazele indlebe umthandazo wam.

2. Ndidanduluka kuwe ndisesiphelweni sehlabathi, ekutyhafeni kwentliziyo yam;Ndíkhaphele eweni elisemalengalengeni kum.

3. Ngokuba ulihlathi lam,Uyinqaba ende eliqele phambi kotshaba.

4. Ndiya kuphambukela ententeni yakho ngonaphade,Ndiya kuzímela ngesithe lamaphiko akho. (Phakamisani.)

5. Ngokuba wena, Thixo, uzivile izibhambathiso zam;Ubaniké ilifa abaloyikayo igama lakho.

6. Ùya kongeza imihla emihleni yokumkani;Iminyaka yakhe iya kuba njengezizukulwana ngezizukulwana;

7. Úya kuhlala ngonaphakade phambi koThixo;Mmisele inceba nenyaniso, ukuba zimlondoloze.

8. Kukhona ndiya kulibethela uhadi igama lakho ngonaphakade,Ndizizalise izibhambathiso zam imihla ngemihla.