Iindumiso 133 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Ubunye bobuzalwana

1. Yabonani, ukuba kúhle, ukuba mnandi,Ukuthi abazalwana bahlale bemxhelo mnye!

2. Kunjengeoli elungileyo entloko,Isíhla ezindevini,Ezindevini zika-Aron,Isihla iye emqukumbelweni weengubo zakhe.

3. Kunjengombethe waseHermon,Ohla phezu kweentaba zaseZiyon;Ngokuba uYehova wayimisela khona apho intsikelelo,Ubomi, kude kuse ephakadeni.