Iindumiso 14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Ubudenge babantu nenkohlakalo yabo

1. Sithi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo.Bonákalisile, balisikizi ngeentlondi zabo;Akukho wenza okulungileyo.

2. UYehova esemazulwini uqondele koonyana babantu,Ukubona ukuba ukho na oqiqayo,Oquqela kuThixo.

3. Bonke batyekile, bayimbozisa bephelele;Akukho wenza okulungileyo,Akukho nokuba abe mnye.

4. Àbanakwazi na bonke abasebenzi bobutshinga,Àbathi, bebadla abantu bam, bathi badla isonka,Bangamnquli uYehova?

5. Apho bankwantya benkwantyile;Ngokuba uThixo usesizukulwaneni samalungisa.

6. Icebo losizana ningálidanisa,Kodwa uYehova ulihlathi lalo.

7. Akwaba bekuvela eZiyon ukusindiswa kwamaSirayeli!Ekubabuyiseni kukaYehova abantu bakhe ekuthinjweni,Wogcoba uYakobi, avuye uSirayeli.