Iindumiso 122 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Umthandazo wokucelela iYerusalem uxolo

1. Ndavuya bakuthi kum,Masiye endlwini kaYehova.

2. Iinyawo zethu zifike zemaEmasangweni akho, Yerusalem;

3. Yerusalem, wena wakhiweyoNgokomzi ohlangeneyo wamnye;

4. Apho zinyuka ziye khona izizwe,Izizwe zikaYehova;Ibubungqina ke loo nto kwaSirayeli,Ukuba kubúlelwe kwigama likaYehova.

5. Kuba khona apho kumiswe iitrone zokugweba,Iitrone zendlu kaDavide.

6. Celelani iYerusalem uxolo;Mababe nokuchulumacha abakuthandayo,

7. Malube luxolo eludongeni lwakho olurhaqileyo,Nokuchulumacha ezingxandeni zakho ezinde.

8. Ngenxa yabazalwana bam nowethu,Makhe ndithethe uxolo ngawe.

9. Ngenxa yendlu kaYehova, uThixo wethu,Ndiya kufuna okukulungeleyo.