Iindumiso 63 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

UThixo ukholisa umphefumlo onxaniweyo

1. Thixo, ùnguThixo wam, ndiya kukuquqela kwakusasa,Umphefumlo wam unxanele wena; inyama yam iyakulangazelelaEzweni elingumqwebedu, elibharhileyo, eligenamanzi.

2. Ndenjénjalo ukukhangela kuwe engcweleni,Ukuba ndibone amandla akho nobuqaqawuli bakho.

3. Ngokuba inceba yakho ilungile ngaphezu kobomi,Umlomo wam uya kukuncoma.

4. Ndiya kwenjenjalo ukukubonga lo gama ndihleliyo,Ndiphakamìse izandla zam egameni lakho.

5. Umphefumlo wam uhluthi umongo namanqatha;Ngemilebe yomlomo wam omemelelayo úya kukudumisa umlomo wam,

6. Ndákukukhumbula emandlalweni wam,Emilindweni yobusuku ndicamanga ngawe.

7. Ngokuba uluncedo kum,Ndinokumemelela esithunzini samaphiko akho.

8. Umphefumlo wam uthene mbende nawe;Isandla sakho sokunene sindibambile.

9. Ke bòna bafuna umphefumlo wam ukuze batshabalale,Baya kutshona kwezisezantsi iindawo zehlabathi.

10. Baphalazelwa emandleni ekrele;Baba sisabelo seempungutye.

11. Ke yena ukumkani uya kuvuya ngoThixo;Baya kuqhayisa abo bonke bafunga yena;Ngokuba úya kuvingcwa umlomo wabathetha ubuxokoi.