Iindumiso 65 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Umbongo kuThixo otyebisa umhlaba

1. Ukuthozama kuyindumiso kuwe, Thixo, eZiyon;Sizaliswa kuwe isibhambathiso.

2. Wena mphulaphuli wemithandazo,Iza kuwe inyama yonke.

3. Zindoyisile nje iindawo zobugwenxa,Ukreqo lwethu ùyaluxolela wena ngocamagushelo.

4. Hayi, uyolo lomnyulayo, umsondezeUkuba ahlale ezintendelezweni zakho!Sìya kuzihluthisa ngokulunga kwendlu yakho,Kwetempile yakho engcwele.

5. Ùsiphendula ngezenzo ezoyikekayo zobulungisa,Thixo osisindisayo;Nkoloseko yeziphelo zonke zehlabathi, neyolwandle olukude;

6. Ulozinzisa iintaba ngamandla akhe,Ebhinqe ubugorha;

7. Ulodambisa ukugquma kweelwandle, ukugquma kwamaza azo,Nokuxokozela kwezizwe.

8. Bayayoyika imiqondiso yakho abemi beziphelo zehlabathi.Ùmemelelisa ukuvela kokusa nokuhlwa.

9. Ùwuvelele umhlaba, wawunyéla,Wawutyebisa kakhulu.Umjelo kaThixo uzele ngamanzi:Walungisa ingqolowa yabo, ngokuba uwenjenje ukuwulungisa.

10. Useza ihluthe imisele yawo;Unyakamisa imiqela yawo.Uthambisa ngeziphango;Usikelela izilimo zawo.

11. Uwuthwesile umnyaka wokulunga kwakho,Imikhondo yakho itsitsa ukutyeba.

12. Ayatsitsa amakriwa entlango,Iinduli zizibhinqise umgcobo.

13. Amadlelo anxibé imihlambi yeenkomo;Iintili zambethe ingqolowa.Yonke into iyaduma, yonke into iyavuma.