Iindumiso 24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

UYehova uMdali netempile yakhe

1. LelikaYehova ihlabathi nenzaliseko yalo,Elimiweyo, nabahleli kulo;

2. Ngokuba yena waliseka phezu kweelwandle,Walizinzisa phezu kwemilambo.

3. Ngubani na onokunyuka aye entabeni kaYehova?Ngubani na onokuma endaweni yakhe engcwele?

4. Ngozandla zimsulwa, ontliziyo inyulu,Ongawuphakamiseli kwinkohlakalo umphefumlo wakhe,Ongafungiyo ngenkohliso.

5. Úya kwamkela intsikelelo kuYehova,Nobulungisa kuThixo ongumsindisi wakhe.

6. Siso eso isizukulwana sabamngxameleyo,Sababufunayo ubuso bakho, Thixo kaYakobi. (Phakamisani.)

7. Phakamisani iintloko zenu, masango;Niziphakamise, minyango yaphakade,Angene uKumkani wozuko.

8. Ngubani na ke lo Kumkani wozuko?NguYehova onamandla, oligorha;NguYehova, igorha emfazweni.

9. Phakamisani iintloko zenu, masango,Niziphakamise, minyango yaphakade,Angene lo Kumkani wozuko.

10. Ngubani na ke yena uKumkani wozuko?NguYehova wemikhosi,Nguye lo Kumkani wozuko. (Phakamisani.)