Iindumiso 1 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Ukuthelekiswa kwamalungisa nabangendawo

1. Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo,Ongemiyo endleleni yaboni,Ongahlaliyo embuthweni yabagxeki!

2. Yena unonelela umyalelo kaYehova;Ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku:

3. Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi,Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo,Ogqabi lawo lingabuniyo;Konke akwenzayo kophumelela.

4. Àbanjalo abangendawo;Bòna banjengomququ ophetshethwa ngumoya.

5. Ngenxa yoko abangendawo abanakuma emgwebeni,Naboni ebandleni lamalungisa.

6. Ngokuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa;Ke yona indlela yabangendawo iya kudaka.