Iindumiso 60 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Isililo ngenxa yokoyiswa emfazweni nomthandazo wokucela uncedo

1. Thixo, usihlambile, wasichitha,Waqumba; ngamana wasibuyisa.

2. Ulinyikimisile ilizwe, ulikrazule;Philisa iintanda zalo ngokuba lishukuma.

3. Ubabonisile abantu bakho into elukhuni,Usisezé iwayini ehexisayo.

4. Ubanike ibhanile* abakoyikayo,Ukuba bayiphakamise ngenxa yenyaniso. (Phakamisani.)

5. Ukuze zihlangulwe iintánda zakho,Sindisa ngesandla sakho sokunene, undiphendule.

6. UThixo uthethe engcwele: mandivuyelele,Ndimabe uShekem, ndiyilinganisele intili yaseSukoti.

7. Ngowam uGiliyadi, ngowam uManase,UEfrayim sisigcina-ntloko sam,UYuda yintonga yam yommiselo;

8. UMowabhi sisitya sam sokuhlambela,Ndiyiphosa kuEdom imbadada yam;Filisti, nkqangaza wena ngam.

9. Ngubani na owondisa emzini wamandla?Ngubani na owondikhaphela kwaEdom?

10. Asinguwe na, kwawena Thixo, osihlambileyo?Àkwaphuma, Thixo, nemikhosi yethu.

11. Síncede kumbandezeli wethu;Alunto yanto usindiso lomntu.

12. NgoThixo siya kweyisa,Wóbagqusha yena ababandezeli bethu.