Iindumiso 73 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Impumelelo yabangendawo; ukungafani kwesiphelo sabo nesamalungisa

1. Ulungile kwaphela uThixo kuSirayeli,Kwabantliziyo zinyulu.

2. Ke mna, beziphantse ukumka iinyawo zam;Gcwizi ukutyibilika ukunyathela kwam;

3. Ngokuba bendibamonela abaqhayisayo,Ndakukubona ukuphumelela kwabangendawo.

4. Ngokuba àbanazintlungu ekufeni kwabo;Baphilile, batyebile umzimba wabo;

5. Ebubini babantu àbakho bona;Àbakhathazwa njengabanye abantu.

6. Ngako oko intamo yabo inxitywe ikratshi;Ukugonyamela kubathe wambu ngokwengubo.

7. Amehlo abo avelile kukutyeba;Amabhongo eentliziyo zabo aphumela phandle.

8. Bahlalela ngentlamba, bathetha ngokubandezela, benobubi;Bathetha iindumbisa zamazwi.

9. Bawubeka ezulwini umlomo wabo,Ulwimi lwabo luhamba emhlabeni wonke.

10. Ngako oko abantu babo babuyela apha;Bafinca amanzi amaninzi.

11. Bathi, Únokuthini na ukwazi uThixo?Kukho ukwazi na kOsenyangweni?

12. Yabona abangendawo abayáBanokuchulumacha ngonaphakade, bandile ngokutyeba.

13. Sìfumane sayiqaqambisa intliziyo yethu kanti,Sazihlamba izandla zethu ngokuba msulwa;

14. Ndakhathazeka imini yonke,Ukohlwaywa kwethu kwaba kokwemiso yonke.

15. Ukuba bendithe, Ndiya kwenjenjalo ukuthetha,Yabona, ngendinginizile kwisizukulwana soonyana bakho.

16. Ndathi ke ndakùcinga ukuba ndikwázi oko,Kwayinkohla emehlweni am;

17. Ndada ndaya kungena ezingcweleni zikaThixo,Ndakúgqala ke ukuphela kwabo.

18. Inene, ùbamise ezindaweni ezibuthelezi,Wabawisa baba yintshabalala.

19. Hayi, ukuphanziswa kwabo ngephanyazo;Baphelile, bagqityiwe kukukhwankqa.

20. Njengephupha ekuqabukeni komntu,Ekuvukeni kwakho, Nkosi, wòwudela umfanekiso wabo.

21. Ukuba ndithe ndabindeka intliziyo,Ndahlabeka ezintsweni,

22. Ndoba ke ndisisityhakala, ndingenakwazi;Ndoba ke ndisisilo kuwe.

23. Mna ke ndihlala ndinawe;Ùndibambile ngesandla sam sokunene;

24. Ùya kundikhapha ngecebo lakho.Undithabathe emveni koku, ndibe nozuko.

25. Ndinabani na emazulwini?Ukuba wena ungowam, andilinanze nganto ihlabathi.

26. Ingáphela inyama yam nentliziyo yam:Iliwa lentliziyo yam, nesabelo sam, nguThixo ngonaphakade.

27. Ngokuba, yabona, abanyawukileyo kuwe baya kudaka;Uyababhangisa bonke abahenyuzayo, bemke kuwe.

28. Mna ke, ukusondela kuThixo kulungile kum,Ndiyenza ihlathi lam iNkosi uYehova,Ukuze ndiyibalise yonke imisebenzi yakhe.