Iindumiso 3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Umthandazo wakusasa wokukholosa ngoYehova

1. Yehova, hayi, ukuba baninzi kwabandibandezelayo!Baninzi abasukela phezulu kum.

2. Baninzi abathi kumphefumlo wam,Akunalusindiso kuThixo. (Phakamisani.)

3. Ke wena, Yehova, uyingweletshetshe kum,Uluzuko lwam, umphakamisi wentloko yam.

4. Ndidanduluka kuYehova ngezwi lam,Andiphendule entabeni yakhe engcwele. (Phakamisani.)

5. Ndalala phantsi, ndalala ubuthongo;Ndavuka, ngokuba uYehova endixhasa.

6. Andizoyiki izigidi zabantuAbakhe uluhlu lokulwa ngeenxa zonke kum.

7. Khawusuk' ume, Yehova; ndísindise, Thixo wam;Ngokuba ùzibetha zonke iintshaba zam emhlathini;Amazinyo abangendawo ùyawaphula.

8. Usindiso lolukaYehova:Mayibe phezu kwabantu bakho intsikelelo yakho. (Phakamisani.)