Iindumiso 130 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Ezinzulwini

1. Ezinzulwini ndinqula wena, Yehova,

2. Nkosi, yiva ilizwi lam.Iindlebe zakho mazilibazeleIlizwi lokutarhuzisa kwam.

3. Ukuba uthe wabunqala ubugwenxa, Yehova,Ngubani na ongaba nokuma, Nkosi?

4. Ngokuba kunawe ukuxolela,Ukuze woyikwe.

5. Ndithembéle kuYehova, uthembile umphefumlo wam;Ndilindé ilizwi lakhe.

6. Umphefumlo wam ulindele eNkosiniNgaphezu kwabalinde ukusa, Ewe, abalinde ukusa.

7. Lindela kuYehova, Sirayeli,Ngokuba inceba ikuYehova;Ikuye inkululeko eninzi.

8. Yena ke wowakhulula amaSirayeliEbugwenxeni bawo bonke.