Iindumiso 147 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Umbongo wamandla kaThixo nobubele bakhe kuSirayeli

1. Haleluya!Ngokuba kulungile ukuvuma ngoThixo wethu;Ngokuba kumnandi, ifanelekile indumiso.

2. Umakhi weYerusalem nguYehova;Abagxothwa bakwaSirayeli ubabuthela khona.

3. Ulophilisa abaphuke intliziyo,Abophe amanxeba abo;

4. Ulobala inani leenkwenkwezi,Ezibiza zonke ngamagama.

5. Inkulu iNkosi yethu, inamandla amakhulu;Ingqondo yayo ayiphele ndawo.

6. Ulophakamisa abalulamileyo nguYehova,Uthobela abangendawo emhlabeni.

7. Hlabelani kuYehova eyokubulela,Mbetheleni uhadi uThixo wethu.

8. Ulosibekelisa izulu ngamafu,Ulolungisela umhlaba imvula;Ulontshulisa utyani ezintabeni;

9. Ulonika inkomo ukudla,Namathole ehlungulu alilayo.

10. Akabunanze nganto ubugorha behashe,Akakholiswa zizitho zendoda;

11. UYehova ukholiswa ngabamoyikayo,Abalindé inceba yakhe.

12. Mncome uYehova, Yerusalem.Mdumise uThixo wakho, Ziyon:

13. Ngokuba eyomelezile imivalo yamasango akho,Ebasikelele abantwana bakho phakathi kwakho.

14. Ngulomisa uxolo emideni yakho,Wakuhluthisa ngengqolowa etyebileyo.

15. Ulothumela intetho yakhe ehlabathini,Ilizwi lakhe ligidima ngokukhawuleza;

16. Ulonika ikhephu njengoboya bezimvu,Ugcwayela iqabaka njengothuthu,

17. Ephosa umkhenkce wakhe njengamaqhekeza;Ngubani na onokuma phambi kwengqele yakhe?

18. Uthumela ilizwi lakhe, ezo nto azinyibilikise;Uvuthuzisa umoya wakhe, aqukuqele amanzi.

19. Uloxelela uYakobi ilizwi lakhe,USirayeli imimiselo yakhe namasiko akhe.

20. Àkenjanga ngalo kolunye uhlanga,Namasiko àluwazi.Haleluya!