11. Ngaloo mini akuyi kudana ngenxa yeentlondi zakho zonke, owakreqa ngazo kum; ngokuba ngelo xesha ndiya kubasusa phakathi kwakho abadlamkileyo bakho, benekratshi, ungaphindi uzidle ngokwakho entabeni yam engcwele.
12. Kanjalo ndiya kusalisa phakathi kwakho abantu abaziintsizana, abazizisweli, abaya kuzímela egameni likaYehova.
13. Amasalela akwaSirayeli akayi kwenza ngobugqwetha, akayi kuthetha amanga, aluyi kufumaneka emlonyeni wawo ulwimi lwenkohliso; ngokuba wona aya kudla, abuthe, kungabikho uwothusayo.
14. Memelela, ntombi inguZiyon: duma, Sirayeli; vuya, udlamke ngentliziyo yonke, ntombi inguYerusalem.
15. UYehova ukususile ukugwetywa kwakho, úzidedisile iintshaba zakho; ukumkani wakwaSirayeli, uYehova, uphakathi kwakho; akusayi kuba sabona bubi.
16. Ngaloo mini baya kuthi kwiYerusalem, Musa ukoyika; Ziyon, mazingawi izandla zakho.
17. UYehova uThixo wakho uphakathi kwakho, ligorha elisindisayo; únemihlali ngawe, enovuyo; úthe cwaka eluthandweni lwakhe, ugcoba ngawe ememelela.
18. Ndiya kubahlanganisa abalilela umthendeleko, bengabakuni; ingcikivo ibaphethe.
19. Yabona, ndiya kubenza ngendawo bonke abacinezeli bakho ngelo xesha; ndiyisindise into eqhwalelayo, ndiyihlanganise into egxothiweyo; ndibenze indumiso negama emazweni onke abahlaziswa kuwo.
20. Ngelo xesha ndiya kunizisa, ndinibuthe ngexesha elililo; ngokuba ndiya kunenza nibe negama, nidunyiswe phakathi kwezizwe zonke zehlabathi, ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwenu phambi kwamehlo enu; utsho uYehova.