27. Wesuka yena wamhleba umkhonzi wakho lo undim enkosini yam ukumkani. Inkosi yam ukumkani injengesithunywa sikaThixo; yènza okulungileyo emehlweni akho.
28. Ngokuba yonke indlu kabawo ibingento yímbi enkosini yam ukumkani, ibingabantu bokufa; wena wambeka umkhonzi wakho lo undim phakathi kwabadla etafileni yakho. Ndisenabango lini na ke, ndisenakukhala ngantoni na kukumkani?
29. Wathi ukumkani kuye, Ùsathethela ntoni na ngeendawo zakho? Ndithe, Yahlulelanani ngomhlaba lowo wena noTsibha.
30. Wathi uMefibhoshete kukumkani, Makawuthabathe wonke, iselifikile nje inkosi yam ukumkani inoxolo endlwini yayo.
31. UBharzilayi waseGiliyadi wehla eRogelim, wawela nokumkani eYordan, ukuba amkhaphele phesheya kweYordan.
32. Ke uBharzilayi ebeyingwevu enkulu, eminyaka imashumi asibhozo ezelwe. Yena ebemxhasile ukumkani ekuhlaleni kwakhe eMahanayim; ngokuba ebengumntu omkhulu kunene.
33. Wathi ukumkani kuBharzilayi, Wela nam wena, ndikuxhase ukum eYerusalem.
34. Wathi uBharzilayi kukumkani, Mingaphi na imihla yeminyaka yokudla kwam ubomi, ukuba ndinyuke ndiye eYerusalem nokumkani?
35. Namhla ndiminyaka imashumi asibhozo ndizelwe; ndinako na ukwazi okulungileyo kokubi? Únako na umkhonzi wakho lo ukuyiva into ayidlayo nayiselayo? Ndisenako na ukuva ilizwi leemvumi neleemvumikazi? Yini na ukuba umkhonzi wakho lo abuye abe ngumthwalo kwinkosi yam ukumkani?
36. Umkhonzi wakho lo uya kuyiwela ke iYordan nokumkani umzuzwana; yini na ukuba ukumkani andiphathe ngale mpatho?
37. Makhe abuye umkhonzi wakho lo, ukuze ndifele emzini wam, ngasengcwabeni likabawo noma. Nanko umkhonzi wakho, uKimham; makuwele yena nenkosi yam ukumkani, umenzele okulungileyo emehlweni akho.
38. Wathi ukumkani, UKimham wowela nam, ndimenzele mna okulungileyo emehlweni akho; nento yonke othe wayinyula, wayibeka phezu kwam, ndokwenzela.
39. Bawela ke bonke abantu eYordan. Ewelile ukumkani, ukumkani wamanga uBharzilayi, wamsikelela; waza wabuyela endaweni yakhe.
40. Wawela ke ukumkani, waya eGiligali, wawela ke naye uKimham; bonke abantu bakwaYuda bamweza ukumkani, kwanesiqingatha sabantu bakwaSirayeli.
41. Nanko kusiza onke amadoda akwaSirayeli kukumkani, athi kukumkani, Yini na ukuba abazalwana bethu, amadoda akwaYuda, bambé, bamweze ukumkani nendlu yakhe eYordan, enamadoda onke kaDavide?
42. Aphendula onke amadoda akwaYuda kumadoda akwaSirayeli, athi, Kungokuba ukumkani esalamana nathi; yini na ukuba nivuthe ngumsindo ngale ndawo? sikhe sadla nto na kukumkani? sikhe saphiwa nto na?
43. Aphendula amadoda akwaSirayeli kumadoda akwaYuda, athi, Sinezahlulo ezilishumi thina kukumkani nakuDavide sinokungaphezu kwenu; yini na ukuba nisicukuceze? Ilizwi lethu lokumbuyisa ukumkani wethu belingáqale kuthi yini na? Laba lukhuni ilizwi lamadoda akwaYuda kunelizwi lamadoda akwaSirayeli.