Kwathi gaxa khona indoda elitshijolo, egama linguShebha, unyana kaBhikri, umBhenjamin. Yavuthela isigodlo, yathi, Asinasabelo thina kuDavide, asinalifa kunyana kaYese; yiyani elowo ezintenteni zenu, maSirayeli.