2 Ookumkani 14:23-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Ngomnyaka weshumi elinesihlanu ka-Amatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uYarobheham, unyana kaYehohashe ukumkani wakwaSirayeli, kwaSamari, iminyaka yamashumi mané anamnye.

24. Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zonke zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.

25. Yena wawubuyisa umda wakwaSirayeli: wathabathela ekungeneni kweHamati, wesa kulwandle lweArabha, ngokwelizwi likaYehova uThixo wakwaSirayeli, awalithethayo ngomkhonzi wakhe uYona unyana ka-Amitayi, umprofeti waseGati-hefere.

26. Ngokuba uYehova wakubona ukubandezelwa kwamaSirayeli ukuba kukrakra kakhulu, úphelile ovalelweyo, úphelile ovulelweyo, kungekho namncedi kwaSirayeli.

27. UYehova akatshongo ukuthi, uya kulicima igama lamaSirayeli phantsi kwezulu; wawasindisa ke ngesandla sikaYarobheham unyana kaYehohashe.

28. Ezinye izinto zikaYarobheham nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe awalwa ngabo, awayibuyisela ngabo iDamasko neHamati yakwaYuda kumaSirayeli, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

2 Ookumkani 14