Wabuya uYehohashe unyana kaYehowahazi, wayithimba imizi kuBhen-hadade unyana kaHazayeli, awayeyithimbe yena kuYehowahazi uyise ngemfazwe. UYehohashe wamgxotha izihlandlo zazithathu wayibuyisa imizi yakwaSirayeli.