13. Ke kaloku waya uAdoniya, unyana kaHagiti, kuBhatshebha unina kaSolomon. Wathi yena, Ùza ngoxolo na? Wathi, Ngoxolo.
14. Wathi, Ndinelizwi nawe.
15. Wathi, Thetha. Wathi, Ùyazi wena ukuba bebubobam ubukumkani, abe ebubhekise kum ubuso bawo onke amaSirayeli, ukuba ndibe ngukumkani. Bathi guququ ubukumkani, baba bobomninawa wam; ngokuba baba bobakhe, buphuma kuYehova.
16. Kungokunje ndicela nto-nye kuwe, uze ungandilanduleli.
17. Wathi kuye, Thetha. Wathi ke, Khawuthethe noSolomon ukumkani, ngokuba akayi kukulandulela, andinike uAbhishagi waseShunem, abe ngumkam.
18. Wathi uBhatshebha, Kulungile, ndokuthethelela kukumkani.
19. Waya ke uBhatshebha kukumkani uSolomon, ukuba athethe naye ngoAdoniya. Wesuka ukumkani waya kumkhawulela, waqubuda kuye, wahlala etroneni yakhe, wammisela itrone unina wokumkani, wahlala ke ngasekunene kwakhe.
20. Wathi, Ndicela nto-nye kuwe; ùze ungandilanduleli. Wathi ke ukumkani kuye, Cela, ma, ngokuba andiyi kukulandulela.
21. Wathi yena, UAbhishagi waseShunem makanikwe uAdoniya, umkhuluwa wakho, abe ngumkakhe.
22. Waphendula ukumkani uSolomon, wathi kunina, Yini na ukuba uAdoniya umcelele uAbhishagi waseShunem? Sewumcelela nobukumkani, ngokuba ungumkhuluwa wam; ucélele yena, noAbhiyatare umbingeleli, noYowabhi unyana kaTseruya.
23. Ukumkani uSolomon wafunga uYehova, wathi, Makenjenje uThixo kum, aqokele ukwenjenje, ukuba uAdoniya akalithethanga elo lizwi elahla umphefumlo wakhe.
24. Ngoko, ehleli nje uYehova, ondiqinisileyo, wandihlalisa etroneni kaDavide ubawo, wandenzela indlu njengoko wakuthetháyo, úya kubulawa namhlanje uAdoniya.
25. Ukumkani uSolomon wathumela ke ngoBhenaya unyana kaYehoyada; wamgwaza, wafa.
26. NakuAbhiyatare umbingeleli wathi ukumkani, Hamba uye eAnatoti, emhlabeni wakho; ngokuba ungumfo wokufa; ke andiyi kukubulala ngale mini; ngokuba wayithwala ityeya yeNkosi uYehova phambi koDavide ubawo, nangokuba ubucinezelwe kuko konke abecinezelwe kuko ubawo.
27. USolomon wamgxotha uAbhiyatare ekubeni ngumbingeleli kaYehova; ukuze alizalise ilizwi likaYehova, awalithethayo ngendlu kaEli eShilo.
28. Lwafika olu daba kuYowabhi; ngokuba uYowabhi wayethelele kuAdoniya, noko wayengathelelanga kuAbhisalom. UYowabhi wasabela ententeni kaYehova, wabambelela ezimpondweni zesibingelelo.
29. Waxelelwa ukumkani uSolomon, ukuba uYowabhi usabele ententeni kaYehova; nanko ecaleni lesibingelelo. USolomon wathuma uBhenaya unyana kaYehoyada, wathi, Yiya umgwaze.
30. Waya uBhenaya ententeni kaYehova, wathi kuye, Uthi ukumkani, Phuma. Wathi yena, Hayi; ndiya kufela apha. UBhenaya wambuyisela ukumkani ilizwi, esithi, Wenjenje ukuthetha uYowabhi, wenjenje ukundiphendula.
31. Wathi ukumkani kuye, Yenza njengoko athethe ngako, umgwaze, umngcwabe, uwasuse kum nakwindlu kabawo amagazi amsulwa, awawaphalazayo uYowabhi.