USolomon ke wákha ubuhlobo noFaro ukumkani wamaYiputa; wazeka intombi kaFaro, wayizisa emzini kaDavide, wada wayigqiba ukuyakha indlu yakhe, nendlu kaYehova, nodonga lwaseYerusalem ngeenxa zonke.