12. Kanjalo ndiya kusalisa phakathi kwakho abantu abaziintsizana, abazizisweli, abaya kuzímela egameni likaYehova.
13. Amasalela akwaSirayeli akayi kwenza ngobugqwetha, akayi kuthetha amanga, aluyi kufumaneka emlonyeni wawo ulwimi lwenkohliso; ngokuba wona aya kudla, abuthe, kungabikho uwothusayo.
14. Memelela, ntombi inguZiyon: duma, Sirayeli; vuya, udlamke ngentliziyo yonke, ntombi inguYerusalem.
15. UYehova ukususile ukugwetywa kwakho, úzidedisile iintshaba zakho; ukumkani wakwaSirayeli, uYehova, uphakathi kwakho; akusayi kuba sabona bubi.
16. Ngaloo mini baya kuthi kwiYerusalem, Musa ukoyika; Ziyon, mazingawi izandla zakho.
17. UYehova uThixo wakho uphakathi kwakho, ligorha elisindisayo; únemihlali ngawe, enovuyo; úthe cwaka eluthandweni lwakhe, ugcoba ngawe ememelela.
18. Ndiya kubahlanganisa abalilela umthendeleko, bengabakuni; ingcikivo ibaphethe.
19. Yabona, ndiya kubenza ngendawo bonke abacinezeli bakho ngelo xesha; ndiyisindise into eqhwalelayo, ndiyihlanganise into egxothiweyo; ndibenze indumiso negama emazweni onke abahlaziswa kuwo.
20. Ngelo xesha ndiya kunizisa, ndinibuthe ngexesha elililo; ngokuba ndiya kunenza nibe negama, nidunyiswe phakathi kwezizwe zonke zehlabathi, ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwenu phambi kwamehlo enu; utsho uYehova.