Udaniyeli 5:4-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Basela iwayini, babancoma oothixo begolide, nabesilivere, nabobhedu, nabesinyithi, nabemithi, nabamatye.

5. Kwaoko kwavela iminwe yesandla somntu, yabhala malunga nesiphatho sesibane, efutheni lodonga lwebhotwe lobukumkani; ukumkani wakubona ukuphela kwesandla esibhalayo.

6. Laza laguquka ibala lobuso bokumkani, zamngqungisa izicamango zakhe, amalungu esinqe sakhe acombuluka, namadolo akhe abethabethana.

7. Ukumkani wadanduluka ngamandla, ukuba baziswe abakhwitsi, namaKaledi, namatola. Waphendula ukumkani, wathi kwizilumko zaseBhabheli, Othe wawulesa lo mbhalo, wakuxela kum ukutyhilwa kwawo, uya kunxitywa iingubo ezimfusa, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakhe, abe ngowabathathu abanegunya ebukumkanini obu.

8. Zaza zafika zonke izilumko zokumkani; ke azaba nako ukuwulesa umbhalo, nokumazisa ukumkani ukutyhilwa kwawo.

9. Waza uBheleshatsare ukumkani wakhathazeka kakhulu, laguquka ibala lobuso bakhe, nezikhulu zakhe zadubadubeka.

10. Ukumkanikazi, unina, ngenxa yamazwi okumkani nezikhulu zakhe, wangena endlwini yomgidi. Ukumkanikazi unina waphendula wathi, Kumkani, phila ngonaphakade! Izicamango zakho mazingakukhathazi, lingaguquki ibala lobuso bakho.

11. Kukho indoda ebukumkanini bakho, enomoya woothixo abangcwele; ekwathi ngemihla yoyihlo kwafunyanwa kuyo ukukhanya nokuqiqa nobulumko, njengobulumko bothixo; awathi ukumkani uNebhukadenetsare uyihlo wayimisa yangumongameli wezazi, nabakhwitsi, namaKaledi, namatola — uyihlo, kumkani;

12. ngenxa enokuba kwafunyanwa kuye umoya ogqithisileyo ngobuhle, nokwazi, nokuqiqa, etyhila amaphupha, exela iintsonkotha, ecombulula amaqhina; kuDaniyeli, owathiywa ngukumkani igama elinguBheletshatsare. UDaniyeli makabizwe kaloku; wókuxela ukutyhilwa kwawo.

13. Waza uDaniyeli wasiwa phambi kokumkani. Ukumkani wathetha kuDaniyeli, wathi, Ùngulaa Daniyeli na ungowakoonyana bakaYuda, abathinjwáyo, abaziswayo ngukumkani ubawo, bephuma kwaYuda?

14. Ndikuvile, ukuba unomoya woothixo wena; kufunyanwa kuwe ukukhanya, nokuqiqa, nobulumko obuncamisileyo.

15. Ke kaloku beziziswe kum izilumko nabakhwitsi, ukuze balese lo mbhalo, bandazise ukutyhilwa kwawo; ke azibanga nako ukundixelela ukutyhilwa kwale nto.

16. Mna ndivile ke ngawe, ukuba unako ukutyityhila into, ucombulule namaqhina. Ukuba ke uthe wanako ukuwulesa lo mbhalo, nokundazisa ukutyhilwa kwawo, ùya kunxitywa iingubo ezimfusa, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakho, ube ngowabathathu ebukumkanini abanegunya.

17. Waza waphendula uDaniyeli, wathi phambi kokumkani, Izipho zakho mazihlale kuwe, imivuzo yakho uyinike omnye; kodwa ndiya kuwulesa lo mbhalo kukumkani, ndimazise ukutyhilwa kwawo.

18. Wena kumkani, uThixo Osenyangweni wamnika uNebhukadenetsare uyihlo ubukumkani, nobukhulu, nobuhandiba, nobungangamsha.

19. Ngenxa yobukhulu ke awabunikwayo, zadidizela zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zothuka phambi kwakhe. Lowo wathanda ukumbulala, wambulala; lowo wathanda ukumyeka aphile, wamyeka waphila; lowo wathanda ukumphakamisa, wamphakamisa; lowo wathanda ukumthoba, wamthoba.

20. Ke xeshikweni intliziyo yakhe yaziphakamisayo, umoya wakhe waqinayo, wakhukhumalayo, wesuka wahliswa etroneni yobukumkani bakhe, nobuhandiba bakhe basuswa kuye.

21. Wagxothwa koonyana babantu, intliziyo yakhe yaba njengeyeenkomo, nekhaya lakhe laba semaesileni asendle, wadliswa utyani njengeenkomo, wanyakamiswa umzimba wakhe ngumbethe wezulu, wada wazi, ukuba uThixo Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, amise phezu kwabo lowo athanda ukummisa.

22. Wena ke nyana wakhe, Bheleshatsare, akuyithobanga intliziyo yakho, nakuba ubukwazi oko konke.

Udaniyeli 5