10. Umbandezeli usolule isandla sakhe phezu kwezinto zayo zonke ezinqwenelekayo;Kuba ibona iintlanga zingené engcweleni yayo,Owawuwise umthetho wena, ukuba zingangeni ebandleni lakho.
11. Bonke abantu bayo bayancwina, befuna isonka;Barholé izinto zabo ezinqwenelekayo ngenxa yesonka, ukuze bawubuyise umphefumlo;Bóna, Yehova, ukhangele, ukuba ndisuke ndacukucezeka.
12. Akunto na oku kuni nonke, nina nidlula ngendlela?Bhekani nibone, ukuba kukho na umvandedwa onjengomvandedwa wam, endiwenziweyo,Athe uYehova wandenza lusizi ngemini yokuvutha komsindo wakhe.
13. Engaphezulu, uthumé umlilo emathanjeni am, wawanyathela;Uzanekele umnatha iinyawo zam, wandibuyisa umva;Undenzé inxuwa, yonke imini ndityhafile.
14. Idyokhwe yezikreqo zam ibotshwe sisandla sakhe;Zibhijelene, zenyuka zaba semqaleni wam, zawakhubekisa amandla am;INkosi yam indinikele ezandleni zabo ndingenakumisa kubo.
15. INkosi yam izitshitshisile zonke iimbalasane zam eziphakathi kwam;Indimemele umthendeleko, ukuba yaphule amadodana am.INkosi yam ixovule inkazana enguYuda, ngokungathi kusesixovulweni sewayini.
16. Ngenxa yezo zinto ndiyalila; iliso lam, iliso lam lihla amanzi,Ngokuba ekude kum umthuthuzeli, umbuyisi womphefumlo wam;Baziimpanza abantwana bam, ngokuba utshaba lwam lundoyisile.
17. IZiyon iyazolula izandla zayo, ayinamthuthuzeli;UYehova ubawisele umthetho ngoYakobhi, ukuba ababandezeli bakhe bamngqonge;IYerusalem iyinto elubhorha phakathi kwabo.
18. Úlilungisa uYehova; ngokuba bendiphikise umlomo wakhe.Khanive, nonke zizwe, niwubone umvandedwa wam;Umthinjana wam namadodana am emke nokuthinjwa.
19. Ndibizé izithandane zam, zandikhohlisa zona;Ababingeleli bam, namadoda amakhulu akwam, aphume umphefumlo phakathi komzi,Xa abezifunela ukudla, ukuba abuyise imiphefumlo yawo.
20. Khangela, Yehova, ngokuba ndibandezelekile; izibilini zam ziyabila;Intliziyo yam iphendukile phakathi kwam; ngokuba ndasuka ndaba ziinkani kuphela;Ngaphandle ikrele landihlutha abantwana, ngaphakathi kwakukufa kodwa.
21. Bandivile ukuba ndiyancwina; ndathi, Andinamthuthuzeli;Zonke iintshaba zam zibuvile ububi bam; zinemihlali, ngokuba oko kwenziwé nguwe.Ùyayizisa imini oyimemileyo, ziya kuba njengam ke.
22. Mabufike phambi kwakho bonke ububi bazo,Uziphathe njengoko wandiphatha ngako ngenxa yezikreqo zam zonke;Ngokuba kuninzi ukuncwina kwam, nentliziyo yam ityhafile.