Abagwebi 17:7-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ke kaloku kwakukho umfana waseBhetelehem yakwaYuda, wasemlibeni wakwaYuda, ongumLevi, engumphambukeli khona.

8. Yahamba indoda leyo, isuka kuloo mzi eBhetelehem yakwaYuda, yaya kuphambukela apho ingafumana indawo. Yafika kweleentaba lakwaEfrayim endlwini kaMika, ihamba uhambo lwayo.

9. Wathi uMika kuyo, Uvela phi na? Yathi kuye, NdingumLevi waseBhetelehem yakwaYuda; ndiya kuphambukela apho ndingafumana indawo.

10. Wathi uMika kuyo, Hlala nam, kum ube ngubawo nombingeleli; ndokunika mna ishumi lesilivere ngomnyaka, ndikuxhase ngento eziingubo nekukudla. Waya ke umLevi lowo.

Abagwebi 17