21. Wathi uAbhinere kuDavide, Ndiya kusuka ndiwahlanganisele enkosini yam ukumkani onke amaSirayeli, enze umnqophiso nawe, ube ngukumkani entweni yonke oyinqwenelayo umphefumlo wakho. UDavide wamndulula uAbhinere; wahamba exolile.
22. Kwabonakala abakhonzi bakaDavide benoYowabhi, bevela emsebenzini wokututa, besiza namaxhoba amaninzi. Ke uAbhinere ebengasekhona kuDavide eHebron, ngokuba ubemndulule, wahamba exolile.
23. Bafika ooYowabhi nomkhosi wonke anawo. Kwaxelwa kuYowabhi, kwathiwa, UAbhinere unyana kaNere ubezile kukumkani, wamndulula, wahamba exolile.
24. Waya uYowabhi kukumkani, wathi, Yintoni na le uyenzileyo? Ùyabona, ubezile uAbhinere kuwe; yintoni na le nto umndululeyo, wahamba wemka?
25. Uyamazi uAbhinere unyana kaNere, ukuba ubeze kukuthomalalisa, ukuze akwazi ukuphuma kwakho nokungena kwakho, akwazi konke okwenzayo.
26. Waphuma uYowabhi kuDavide, wathuma abathunywa; balandela uAbhinere, bambuyisa equleni laseSira, uDavide engazi.
27. Wabuya ke uAbhinere weza eHebron. UYowabhi wamthabathela bucala phakathi kwesango, ukuba athethe naye ngasese. Wamgwaza esiswini, wafa, ngenxa yegazi lika-Asaheli umninawa wakhe.
28. Weva uDavide emveni kokuba kunjalo, wathi, Ndimsulwa nobukumkani bam phambi koYehova, kude kuse ephakadeni, ngamagazi ka-Abhinere unyana kaNere;
29. makabe phezu kwentloko kaYowabhi, naphezu kwendlu yonke kayise; makanganqunyulwa angabikho endlwini kaYowabhi umntu obhobhozayo, oneqhenqa, osimelela ngentonga, owa ngekrele, oswele ukudla.
30. UYowabhi noAbhishayi umninawa wakhe bambulala ke uAbhinere, ngenxa enokuba ebembulele uAsaheli umninawa wabo eGibheyon emfazweni.
31. Wathi uDavide kuYowabhi nakubantu bonke anabo, Krazulani iingubo zenu, nibhinqe ezirhwexayo, nimmbambazelele uAbhinere. UDavide ukumkani walilandela ithala.
32. Bamngcwabela eHebron uAbhinere. Waliphakamisa ukumkani ilizwi lakhe, walila engcwabeni lika-Abhinere. Balila abantu bonke.