10. ke uAbhisalom, esamthambisayo ukuba abe phezu kwethu, ufele emfazweni; ke ngoko nithéle cwaka ni na, ukuba ningàmbuyisi nje ukumkani?
11. Ke kaloku ukumkani uDavide wathumela kuTsadoki nakuAbhiyatare ababingeleli, wathi, Thethani kumadoda amakhulu akwaYuda, nithi, Yini na ukuba nibe ngabokugqibela ekumbuyiseleni endlwini yakhe ukumkani, intetho yamaSirayeli onke ifikile nje kukumkani endlwini yakhe?
12. Ningábazalwana bam, nilithambo lam, nenyama yam; yini na ukuba nibe ngabokugqibela ekumbuyiseni ukumkani?
13. Níthi ke kuAmasa, Àkulilo ithambo lam nenyama yam na? UThixo makenjenje kum, aqokele ukwenjenje, ukuba àkuthe waba ngumthetheli womkhosi phambi kwam yonke imihla esikhundleni sikaYowabhi.
14. Wayitsala intliziyo yamadoda onke akwaYuda njengandoda-nye; athumela kukumkani athi, Buya wena, nabakhonzi bakho bonke.
15. Wabuya ke ukumkani, wafika eYordan. Ke amaYuda afika eGiligali, esiya kumkhawulela ukumkani, amweze ukumkani eYordan.
16. UShimehi unyana kaGera, umBhenjamin waseBhahurim, wakhawuleza, wehla namadoda akwaYuda, esiya kumkhawulela ukumkani uDavide,
17. enewaka lamadoda akwaBhenjamin, noTsibha umkhonzi wendlu kaSawule, noonyana bakhe abalishumi elinabahlanu, nabakhonzi bakhe abangamashumi amabini kunye naye; baphumela eYordan phambi kokumkani.
18. Kwawela umkhombe wokuweza, ukuba uyiweze indlu yokumkani, wenze okulungileyo emehlweni akhe. UShimehi, unyana kaGera, wawa phambi kokumkani ekuweleni kwakhe eYordan,
19. wathi kukumkani, Inkosi yam mayingabàleli bugwenxa kum, ungakukhumbuli oko wakwenzayo umkhonzi wakho ngobugwenxa, ngalaa mini yaphuma ngayo inkosi yam ukumkani eYerusalem, ukuba ukumkani akubekele intliziyo oko.
20. Ngokuba umkhonzi wakho lo uyazi, ukuba wóna ngalaa nto; nanku, ndingowokuqala ofikileyo namhla wasendlwini yonke kaYosefu, ukuba ndihle ndiyikhawulele inkosi yam ukumkani.
21. Waphendula uAbhishayi unyana kaTseruya, wathi, UShimehi akayi kubulawa na ngalaa nto, ngokuba wamtshabhisayo umthanjiswa kaYehova?
22. Wathi uDavide, Yintoni na enam nani, nina nyana bakaTseruya, ngokuba ningabachasi bam namhla? Kukho mntu na kwaSirayeli apha uya kubulawa namhla? Ngokuba andazi yini na, ukuba ndingukumkani kwaSirayeli namhlanje?
23. Wathi ukumkani kuShimehi, Akuyi kufa. Ukumkani wamqinisisa ngesifungo.