2 Ookumkani 9:4-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Waya umfana lowo, umkhonzi lowo womprofeti, eRamoti yaseGiliyadi.

5. Wafika ke, nabá abathetheli bempi behleli phantsi. Wathi, Ndinelizwi kuwe, mthetheli-mkhosi. Wathi uYehu, Kuwuphi na, phakathi kwethu aba sonke? Wathi, Kuwe, mthethelimkhosi.

6. Wesuka, wangena endlwini, wamgalela ioli entloko, wathi kuye, Útsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kubantu bakaYehova, kumaSirayeli.

7. Woyixabela indlu ka-Ahabhi inkosi yakho, ndiwaphindezele amagazi abakhonzi bam abaprofeti, namagazi abakhonzi bonke bakaYehova, esandleni sikaIzebhele;

8. idàke yonke indlu ka-Ahabhi, ndinqumle kuAhabhi yonke into eyindoda, novalelweyo novulelweyo kwaSirayeli.

9. Ndoyenza indlu ka-Ahabhi ibe njengendlu kaYarobheham unyana kaNebhati, nanjengendlu kaBhahesha unyana ka-Ahiya;

10. zimdle izinja uIzebhele esiqwengeni esiseYizereli, kungabikho umngcwabayo.Waluvula ucango, wasaba.

11. Ephumile uYehu, waya kubakhonzi benkosi yakhe. Kwathiwa kuye, Luxolo na? Ebezeleni na lo mbhudi? Wathi kubo, Le ndoda yaziwa níni, kwanokuthethathetha kwayo.

12. Bathi, Xoka; khawusixelele. Wathi, Ùthe, wathi ukuthetha kum, Utsho uYehova ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli.

13. Bakhawuleza, wathabatha elowo ingubo yakhe, wayibeka phantsi kwakhe uYehu ezinyukweni kanye, bavuthela izigodlo, bathi, UYehu ngukumkani!

14. UYehu, unyana kaYehoshafati, unyana kaNimshi, wamceba ke uYoram. Ke kaloku uYoram ubeyilinda iRamoti yaseGiliyadi, yena namaSirayeli onke, ngenxa kaHazayeli ukumkani wakwa-Aram;

15. ke ukumkani, uYoram, ubebuyele eYizereli, ukuba anyangwe amanxeba awawafumana kuma-Aram, esilwa noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. Wathi uYehu, Ukuba kukuthanda kwenu, makungaphumi kusinde mntu kulo mzi, aye kuxela eYizereli.

16. Wakhwela uYehu enqwelweni, waya eYizereli; ngokuba uYoram ebelele khona. Ke uAhaziya ukumkani wamaYuda wehla, waya kumbona uYoram.

17. Ke kaloku umlindi, obemi phezu kwenqaba eYizereli, wabona impi kaYehu ekuzeni kwakhe, wathi, Ndibona impi. Wathi uYoram, Thabatha okhwele ihashe, umthume aye kubakhawulela, athi, Luxolo na?

18. Waya kumkhawulela loo mkhweli-hashe, wathi, Útsho ukumkani ukuthi, Luxolo na? Wathi uYehu, Yintoni na enawe noxolo? Jikela emva kwam. Waxela umlindi, wathi, Umthunywa uye wafika kubo, ke akabuyi.

2 Ookumkani 9