1. Wathi uElisha, Liveni ilizwi likaYehova. Útsho uYehova ukuthi, Eli xa ngomso iseha* yomgubo ocoliweyo yoba yishekele,* neeseha zombini zerhasi zoba yishekele esangweni lakwaSamari.
2. Wamphendula umfo wakwaThixo umphathi-mkhosi, abesayama esandleni sakhe ukumkani, wathi, Yabona, khona ukuba uYehova wenzé iifestile ezulwini, ingabakho na loo nto? Wathi yena, Khangela, ùya kuyibona loo nto ngamehlo akho, ungadli kuyo.
3. Ke kaloku kwakukho amadoda amané aneqhenqa ngaphandle kwesango. Yathi enye kwenye, Sihlaléleni na apha, side sife?
4. Ukuba sithe, masingene kulo mzi, kukho indlala kuwo umzi lo, siya kufa khona; ukuba sithe sahlala apha, siya kufa. Kaloku ke masihambe, sizilahlele emkhosini wama-Aram.* Ukuba athe asisindisa, sodla ubomi; ukuba athe asibulala, hayi ke, siya kufa.
5. Asuka ngongcwalazi, aya eminqubeni yama-Aram, ada afika ekupheleni kweminquba yama-Aram. Yini le? Kusenxiweni.
6. Kuba iNkosi yayiwenzé umkhosi wama-Aram ukuba uve isandi seenqwelo zokulwa, isandi samahashe, nesandi sempi enkulu. Bathi omnye komnye, Niyabona, ukumkani wamaSirayeli usiqeshele ookumkani bamaHeti nookumkani bamaYiputa, ukuba basiwele.
7. Besuka ke, basaba ngongcwalazi, bazishiya iintente zabo, namahashe abo, namaesile abo eminqubeni, injengoko ibinjalo; basabisa ubomi babo.
8. Afika ke loo madoda aneqhenqa ekupheleni kweminquba, angena kwenye intente, adla, asela, athabatha apho isilivere negolide neengubo, aya kuziqhusheka; abuya, angena kwenye intente, athabatha nakhona, aya kuqhusheka.
9. Yathi enye kweny, Àsilungisi; le mini yimini yeendaba ezilungileyo, sithe cwaka nje; ukuba silindé kwada kwasa, siya kuzeka ityala. Hambani ke ngoko, siye sixele endlweni yokumkani.
10. Afika, abiza umlindi wesango lomzi, amxelela, athi, Sifiké eminqubeni yama-Aram, nanko kungekho mntu khona, nazwi lamntu, kuphela ingamahashe abotshelelweyo namaesile abotshelelweyo, neentente zinjengoko bezinjalo.
11. Bamemeza abalindi-masango omzi; baxelela indlu yokumkani ngaphakathi.
12. Wavuka ukumkani ebusuku, wathi kubakhonzi bakhe, Makhe ndinixelele into ayenzileyo kuthi ama-Aram. Ayazi ukuba silambile; aphumile eminqubeni, aya kuzímela endle, esithi, Bothi bakuphuma kuwo umzi, sibabambe behleli, singene kuwo umzi.