2 Ookumkani 18:3-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uDavide uyise.

4. Wazisusa izigánga, waziqhekeza izimiso zamatye, wamgawula uAshera,* wayiqoba inyoka yobhedu awayenzayo uMoses; ngokuba kwada kwayiloo mini oonyana bakaSirayeli beqhumisela kuyo, kwathiwa loo nto lubhedu nje kodwa.

5. Wakholosa ngoYehova uThixo kaSirayeli; emveni kwakhe akubangakho unjengaye phakathi kookumkani bonke bakwaYuda, naphakathi kwabo babekho ngaphambi kwakhe.

6. Wanamathela kuYehova; akatyeka ekumlandeleni; wayigcina imithetho abethé uYehova wayiwisela uMoses.

7. UYehova waba naye; wenza ngengqiqo ezintweni zonke aziphumeleyo. Wagwilika kukumkani waseAsiriya, àkamkhonza.

8. Yena wawaxabela amaFilisti, wada wesa eGaza nasemdeni wayo, wathabathela enqabeni yababoniseli, wesa emzini onqatyisiweyo.

9. Kwathi ngomnyaka wesiné wokumkani uHezekiya (lowo ngumnyaka wesixhenxe kaHoseya unyana kaEla, ukumkani wakwaSirayeli), wenyuka uShalemanesere, ukumkani waseAsiriya, wawufikela umzi wakwaSamari, wawungqinga.

10. Bawuthimba ekupheleni kweminyaka emithathu, ngomnyaka wesithandathu kaHezekiya (lowo ngumnyaka wesithoba kaHoseya, ukumkani wakwaSirayeli); wathinjwa ke umzi wakwaSamari.

11. Ukumkani waseAsiriya wawafudusela amaSirayeli eAsiriya, wawabeka eHala, naseHabhore emlanjeni oyiGozan, nasemizini yamaMedi,

2 Ookumkani 18