2 Ookumkani 14:21-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Bonke abantu bakwaYuda bamthabatha uAzariya, akubon' ukuba uminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, bamenza ukumkani esikhundleni sika-Amatsiya uyise.

22. Yakhiwa nguye iElati, wayibuyisela kumaYuda, emveni kokuba ukumkani walalayo kooyise.

23. Ngomnyaka weshumi elinesihlanu ka-Amatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uYarobheham, unyana kaYehohashe ukumkani wakwaSirayeli, kwaSamari, iminyaka yamashumi mané anamnye.

24. Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zonke zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.

25. Yena wawubuyisa umda wakwaSirayeli: wathabathela ekungeneni kweHamati, wesa kulwandle lweArabha, ngokwelizwi likaYehova uThixo wakwaSirayeli, awalithethayo ngomkhonzi wakhe uYona unyana ka-Amitayi, umprofeti waseGati-hefere.

26. Ngokuba uYehova wakubona ukubandezelwa kwamaSirayeli ukuba kukrakra kakhulu, úphelile ovalelweyo, úphelile ovulelweyo, kungekho namncedi kwaSirayeli.

2 Ookumkani 14