10. Enjenjalo amadoda; athabatha iimazi ezintsha ezanyisayo zambini, azibopha enqwelweni, awavalela amathole azo ekhaya.
11. Ayibeka ityeya kaYehova enqwelweni, netyeya ineempuku zegolide nemifanekiso yamathumba awo.
12. Iimazi ezintsha zathi ngqo ngendlela, ngendlela yaseBhete-shemeshe, zahamba ngomendo, zihamba zinxakama, Ã zanxaxhela ekunene nasekholo; izikhulu zamaFilisti zizilandela, zada zaya emdeni waseBhete-shemeshe.
13. AbaseBhete-shemeshe babevuna ingqolowa entilini; bawaphakamisa amehlo abo, bayibona ityeya, bavuya bakuyibona.
14. Inqwelo yafika entsimini kaYoshuwa waseBhete-shemeshe, yema khona.Bekukho ilitye elikhulu khona. Bayicanda imithi yenqwelo, bazinyusa iimazi ezintsha ezo zalidini elinyukayo kuYehova.
15. AbaLevi bayithula ityeya kaYehova, netyeya ebinayo inempahla yegolide, bazibeka elityeni elo likhulu. Amadoda aseBhete-shemeshe ke anyusa amadini anyukayo, abingelela imibingelelo ngaloo mini kuYehova.
16. Zabona izikhulu ezihlanu zamaFilisti, zabuyela e-Ekron kwangaloo mini.
17. Ngawo la amathumba egolide awawabuyiselayo amaFilisti kuYehova, alidini letyala: elaseAshdode lalilinye, elaseGaza lalilinye, elaseAshkelon lalilinye, elaseGati lalilinye, elase-Ekron lalilinye;
18. kunye neempuku zegolide ngokwenani lemizi yonke yamaFilisti yezikhulu ezihlanu, kuthabathela emizini enqatyisiweyo, kuse kwimizana yabasemaphandleni; kuse etyeni elikhulu, abayimisa kulo ityeya kaYehova, lilingqina unanamhla entsimini kaYoshuwa waseBhete-shemeshe.
19. Wabetha emadodeni aseBhete-shemeshe, ngokuba ayikhangakhangelayo ityeya kaYehova; wabulala ebantwini abo amadoda angamashumi asixhenxe emadodeni angamawaka angamashumi amahlanu. Benza isijwili abantu, ngokuba uYehova ebabulele abantu ngobulalo olukhulu.
20. Athi amadoda aseBhete-shemeshe, Ngubani na onako ukuma phambi koYehova, lo Thixo uyingcwele? Uya kunyuka aye kubani na, ukusuka kwakhe kuthi?
21. Athuma abathunywa kubemi baseKiriyati-yeharim, esithi, AmaFilisti ayibuyisile ityeya kaYehova; yihlani, nize kuyinyusela kuni.