1 Izikronike 19:4-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Wabathabatha uHanun abakhonzi bakaDavide, wabaguya, wazicanda phakathi iingubo zawo ezinde, wada waya kuma ngemisekela; wabandulula ke.

5. Bahamba, bamxelela uDavide okwenziwe kuloo madoda. Wathumela bawakhawulela; ngokuba amadoda lawo ayehlazisiwe kunene. Wathi ukumkani, Hlalani eYeriko zide zihlume iindevu zenu, nandule ukubuya ke.

6. Babona oonyana baka-Amon, ukuba bazinukisile kuDavide, bathumela ke ooHanun noonyana baka-Amon kwa-Aram* ephakathi kweMilambo,* nakwa-Aram-mahaka, naseTsobha, iwaka leetalente* zesilivere, ukuba baqeshe iinqwelo zokulwa nabamahahe.

7. Baziqeshela amashumi amathathu anamabini amawaka eenqwelo zokulwa, nokumkani waseMahaka, nabantu bakhe; beza ke bamisa iintente phambi kweMedebha. Oonyana baka-Amon bahlanganisana, bephuma emizini yabo, beza kulwa.

8. Weva uDavide, wathuma uYowabhi, enomkhosi wonke wamagorha.

9. Baphuma oonyana baka-Amon, bakha izintlu zokulwa ekungeneni komzi, ookumkani ababezile bebodwa endle.

10. Wabona uYowabhi ukuba imfazwe ibheké kuye, ngaphambili nangasemva; wanyula emadodeni onke ahleliweyo kwaSirayeli, wakha uluhlu malunga nama-Aram.

11. Abanye abantu wabanikela esandleni sika-Abhishayi, umninawa wakhe; bakha uluhlu malunga noonyana baka-Amon.

12. Wathi, Ukuba ama-Aram athe andeyisa, wòndisiza; ukuba bathe oonyana baka-Amon bakweyisa,

13. ndokusiza Yomelela, somelele ngenxa yabantu bakowethu, nangenxa yemizi yoThixo wethu; uYehova uya kwenza oko kulungileyo emehlweni akhe.

14. Wafika uYowabhi nabantu ababenaye, wema phambi kwama-Aram, eza kulwa; asaba ebusweni bakhe.

15. Babona oonyana baka-Amon ukuba asabile ama-Aram, basaba nabo ebusweni buka-Abhishayi umninawa wakhe, bangena ekhaya.

16. Waya uYowabhi eYerusalem. Abona ama-Aram ukuba agxothiwe phambi kwamaSirayeli, athuma izigidimi, awarhola ama-Aram abephesheya koMlambo,* uShofaki, umthetheli womkhosi kaHadarezere, ephambi kwawo.

17. Kwaxelwa kuDavide; wahlanganisa amaSirayeli onke, wayiwela iYordan, waya kuwo, wakha uluhlu ukuba alwe nawo. UDavide walwakha uluhlu, esiya kuwahlangabeza ama-Aram ukuba alwe nawo; alwa ke naye.

18. Asaba ama-Aram ebusweni bamaSirayeli; uDavide wabulala kuma-Aram amawaka asixhene abeenqwelo zokulwa, namashumi amané amawaka amadoda angumqikela, wabulala noShofaki, umthetheli womkhosi.

19. Babona abakhonzi bakaHadarezere ukuba bagxothiwe phambi kwamaSirayeli, baxolisana noDavide, bamkhonza. Àkavuma ama-Aram ukuba sabasiza oonyana baka-Amon.

1 Izikronike 19