Umsebenzi Wabathunywa 27:3-22 Ibhayibhile (XHO96)

3. Sagaleleka eSidon ngemini elandelayo. UJuliyo wamphatha ngobubele uPawulos, wamvumela ukuba aye kubona abalingane bakhe, khon' ukuze bamtende.

4. Sanduluka apho, sathi kuba umoya wawusityhala uvela ngaphambili, sahamba ngecala langasempuma yeSipro, elalingenamoya.

5. Sacanda kulwandle olungaseKiliki nasePamfili, saya kungena eMira kummandla waseLikiya.

6. Apho umphathi-butho wafumana inqanawa eyayiza kuya eItali, ivela eAlesandriya, sangena kuyo.

7. Sahamba iintsuku icotha inqanawa, sada emva kokuhamba nzima kakhulu, saya kufika ngakwidolophu iKinido. Umoya awusivumelanga ukuba sihambe ngqo ngaloo ndlela, saza ke sehla ngecala elingenamoya elikumzantsi weKrete, saya kudlula ngaseSalimone.

8. Salugudla unxweme, sihamba nzima, saya kungena kwindawo ekuthiwa ngamaChweba aMahle, eyayingekude kwidolophu iLaseya.

9. Sahlala ixesha elide apho, kwada kwacaca ukuba koba yingozi ukuqhubela phambili ihambo yethu, kuba kwakusekudlule nomhla wamaJuda wozilo ekwindla. Ke ngoko uPawulos wenza esi silumkiso:

10. “Madoda, ndibona ukuba luza kuba nengozi uhambo lwethu ukusuka apha. Umthwalo uza konakala kakhulu, nenqanawa yaphuke, kufe nabantu.”

11. Kodwa umphathi-butho zange ayihoye le ntetho kaPawulos, wasuka weva into ethethwa ngumphathi woomatiloshe, nomnini-nqanawa.

12. Isikhululo-nqanawa eso sasingàkulungele ukuba kungáchithwa ubusika kuso, lwaye uninzi lwamadoda lufuna ukuba kungenwe elwandle, kulingwe ukuya kufika eFenike, ukuba kwakunokwenzeka. Esi sikhululo-nqanawa saseKrete, siziwa ngumoya wasemzantsi-ntshona kunye novela emntla-ntshona, kwakunokuhlalwa kuso ebusika.

13. Kwavela umoyana ngasezantsi, aza amadoda acinga ukuba angalilinga iqhinga lawo. Bayitsalela enqanaweni iankile, baza ke bayiqhuba inqanawa begudle unxweme lwaseKrete.

14. Kodwa kwakamsinyane kwabakho umoyakazi ekuthiwa nguMntla-mpuma, uvela ngasesiqithini apho.

15. Wayintlitha inqanawa; kwathi kuba yayingenakuqhutywa ijonge ngqo emoyeni inqanawa, asabi salinga, sasuka sayiyeka yadudulwa ngumoya.

16. Safumana indawo esithileyo ukudlula kwethu emazantsi esiqithana iKhawuda. Salitsalela enqanaweni apho iphenyana kunzima.

17. Oomatiloshe balibophelela, baza bayiqamangela ngentsontela inqanawa. Babesoyika ukuba bangaxinga enyeleni yonxweme xa bedlula ngaseLibhiya. Bayithoba ke iseyile ukuze inqanawa ityhalwe ngumoya.

18. Lwavuthuza njalo uqhwithela, baza ngengomso baqala bawulahlela elwandle umthwalo.

19. Kwathi ngolwesithathu usuku bazilahla ngezandla zabo iimpahla zenqanawa.

20. Yaba ziintsuku ezininzi singenakulibona ilanga neenkwenkwezi, yaye uqhwithela lona lusitsho ukuvuthuza. Ekugqibeleni sancama ukuba singásinda.

21. Emva kwexesha elide amadoda lawo engatyi, waphakama uPawulos wathi: “Madoda, ukuba nanindivile asemka eKrete, ngesiwuphephile wonke lo monakalo nale lahleko ingaka.

22. Kodwa ke qinani, ndiyanibongoza! Kuba akukho bani uza kuphulukana nobomi bakhe; yinqanawa yodwa eza konakala.

Umsebenzi Wabathunywa 27