30. Ke uEliya wabhekisa kubo bonke abantu, wathi: “Yizani kum apha.” Beza kuye bonke, waza ke yena walilungisa iqonga likaNdikhoyo elaliselonakele.
31. UEliya wathatha amatye alishumi elinambini, ngalinye limele indlu kwezo zizwe zikaYakobi, yena lowo wafikelwa lilizwi likaNdikhoyo lisithi: “Igama lakho kothiwa unguSirayeli.”
32. Ngala matye wakha iqonga egameni likaNdikhoyo, waza wenza umsele walijikeleza. Lo msele wawubanzi, unokungena iilitha ezimalunga neshumi elinesine.
33. Wazilungisa iinkuni, wayixhaxha inkunzi leyo, wayibeka phezu kweenkuni ezo.
34. Waza wathi kubo: “Zalisani iingqayi ezinkulu zibe ne ngamanzi, nize niwagalele kwelo dini nakwezo nkuni.” Waza wathi: “Phindani okwesibini!” Baphinda okwesibini. Wathi: “Phindani okwesithathu!” Baphinda okwesithathu.
35. Amanzi lawo ke ehla apho eqongeni, angena kuloo msele, wazala thwahla.
36. Kwathi ke ngexesha lamadini angokuhlwa umshumayeli uEliya wasondela eqongeni, waza wathandaza wenjenje: “Ndikhoyo, Thixo ka-Abraham, Thixo kaIsake, Thixo kaSirayeli, namhlanje mayaziwe into yokuba nguwe uThixo kaSirayeli, mna ke ndisisicaka sakho, nezi zinto zonke ndizenzileyo ndizenze ngokuyalelwa nguwe.
37. Ewe, ndiphendule kaloku, Ndikhoyo, khon' ukuze naba bantu bakuqonde, bakwazi, wena Ndikhoyo, ukuba unguThixo, babone ukuba wena ngoku uziguqulele kuwe iintliziyo zabo.”
38. Ke kaloku wehla umlilo, uvela kuNdikhoyo, waza walitshisa idini elo, kunye neenkuni, amatye, nomhlaba, wada walenca naloo manzi ayesemseleni.
39. Bakuyibona ke le nto, abantu basuka baziphosa phantsi, bathi: “UNdikhoyo nguye uThixo! UNdikhoyo nguye uThixo!”
40. Ke uEliya wathi kubo: “Babambeni abashumayeli bakaBhali, kungasindi noba abe mnye!” Ngenene ke babanjwa, waza uEliya wathi makuyiwe nabo kwintili yeKishon, apho wababulalela khona.
41. Waza ke uEliya wathi kuAhabhi: “Hamba, uye kutya usele, kuba kuvakala ukundila kwemvula enkulu.”
42. Ke uAhabhi wahamba, watya wasela.Kambe ke yena uEliya wenyuka waya encotsheni yentaba iKarmele, waza wagobela emhlabeni, wafaka ubuso phakathi kwamadolo.
43. UEliya wathumela ihlakani lakhe, wathi: “Khawuhambe ukhangele ngaselwandle ukuba awuboni nto na.”Laya ke lajonga, labuya lisithi: “Hayi, akubonakali nto.”Ke uEliya lo walithuma kwada kwasixhenxe, emana esithi: “Khawuphume ujonge.”