1. Ke kaloku oonyana bakaSirayeli benza ubumenemene entweni esingelwe phantsi. UAkan, unyana kaKarmi, unyana kaZabhedi, unyana kaZera, wesizwe sakwaYuda, wathabatha entweni esingelwe phantsi. Wavutha ke umsindo kaYehova konyana bakaSirayeli.
2. UYoshuwa wasusa amadoda eYeriko ukuba aye eAyi, engaseBhetaven, ngasempumalanga eBheteli, wathi kuwo, Nyukani nilihlole ilizwe. Anyuka ke amadoda lawo, ayihlola iAyi.
3. Abuyela kuYoshuwa, athi kuye, Mabangenyuki bonke abantu; makunyuke amadoda amayela kumawaka amabini, nokuba ngamadoda amayela kumawaka amathathu, ayichithe iAyi. Musa ukubadinisa bonke abantu ngokubása khona; kuba abaa bantu bambalwa.
4. Kwenyuka ke kwaya khona kubantu amadoda amayela kumawaka amathathu; esuka asaba phambi kwamadoda aseAyi.
5. Amadoda aseAyi abulala kuwo amadoda amayela kumashumi amathathu anamathandathu, awasukela phambi kwesango, kwesa eShebharim, awabulala ethambekeni. Yanyibilika intliziyo yabantu, yaba ngamanzi.