8. Impi yamaKaledi yamsukela ukumkani, yamfumana uZedekiya ezinkqantosini zaseYeriko; yonke impi yakhe yamphalala, yemka kuye.
9. Ambamba ukumkani, anyuka naye, amsa kukumkani waseBhabheli eRibhela ezweni leHamati; wawathetha apho amatyala akhe.
10. Ukumkani waseBhabheli wabasikela oonyana bakaZedekiya emehlweni akhe; nabathetheli bonke bakwaYuda wabasikela eRibhela.
11. Wamtyhaphaza amehlo uZedekiya, wamkhonkxa ngamakhamandela obhedu; ukumkani waseBhabheli wamsa eBhabheli, wamfaka entolongweni kwada kwayimini yokufa kwakhe.
12. Ngenyanga yesihlanu, ngosuku lweshumi enyangeni leyo (lo mnyaka ke ngoweshumi elineminyaka esithoba kakumkani uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli), wangena eYerusalem uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, owema phambi kokumkani waseBhabheli.
13. Wayitshisa indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nezindlu zonke zaseYerusalem; izindlu zonke zezikhulu wazitshisa ngomlilo.
14. Iindonga zonke zaseYerusalem ngeenxa zonke yazidiliza yonke impi yamaKaledi, ebinomthetheli wabasiki.
15. Kwizisweli zabantu, namasalela abantu ababesele phakathi komzi, namaphamba awaphambelayo kukumkani waseBhabheli, namasalela engxokolo, wawafudusa uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki.
16. Ke uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, wasalisa kwizisweli zelizwe, ukuze zibe ngabasebenzi bemidiliya nabalimi.
17. Iintsika zobhedu ezibe zisendlwini kaYehova, neenqwelwana, nolwandle lobhedu obelusendlwini kaYehova, ezo zinto aziqhekeza amaKaledi, aluthwalela eBhabheli lonke ubhedu lwazo.