Uluka 15:7-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko.

8. Kanjalo nguwuphi na umfazi eneedrarhima* zilishumi, ongethi, ukuba ithe yalahleka enye idrarhima, alumeke isibane, ayitshayele indlu, afune enyamekile, ade ayifumane?

9. Athi akuyifumana, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene idrarhima ebindilahlekile.

10. Ngokukwanjalo ndithi kuni, kubakho uvuyo emehlweni ezithunywa zikaThixo ngomoni eba mnye oguqukayo.

11. Ke kaloku wathi, Umntu othile ube enoonyana ababini.

12. Wathi omnci wabo kuyise, Bawo, ndínike isahlulo sempahla esilunge nam. Wababela imfuyo leyo.

13. Kuthe kungekabi ntsuku zininzi, wahlanganisa into yonke unyana omnci, wesuka kwelakowabo, waya ezweni elikude; wathi khona apho wayichitha impahla yakhe ngentlalo yokuzibhubhisa.

14. Akubon' ukuba udle konke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe, waqala ukuswela naye.

15. Waya wanamathela komnye kubemi belo zwe; wathi yena wamthumela emihlabeni yakhe, ukuba aye kwalúsa iihagu.

16. Ubenqwenela ke ukusizalisa isisu sakhe ngeengxam ezabe zidliwa ziihagu; bekungekho mntu umphayo.

17. Ke kaloku, akuba nokuziqonda, wathi, Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo, ábadikwa zizonka; nanku ke mna ndiphela yindlala?

18. Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho.

19. Andisafanele kubizwa ngonyana wakho; ndénze ndibe njengomnye kubaqeshwa bakho.

20. Wesuka weza kuyise.Ke kaloku, akubon' ukuba usekude lee, uyise wambona, wasikwa yimfesane, wagidima, wawa entanyeni yakhe, wamanga.

21. Wathi ke unyana kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho; andisafanele kubizwa ngonyana wakho.

22. Uthe ke uyise kubakhonzi bakhe, Rholani ingubo ende, eyona intle, nimambathise, nifake umsesane esandleni sakhe, neembadada ezinyaweni zakhe.

23. Nizise ithole, eliyá lityetyisiweyo, nixhele; sidle, sibe nemihlali.

24. Ngokuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa. Baqala ke ukuba nemihlali.

25. Ke kaloku unyana wakhe omkhulu ebesentsimini; wathi xa azayo, wasondela endlwini, weva ukugwala nokududa.

Uluka 15