6. Aya kunaba amasebe akhe, bube njengomnquma ubuhle bakhe, ivumba lakhe libe njengeLebhanon.
7. Baya kubuya abahlala emthunzini wakhe, baphile njengengqolowa, batyatyambe njengomdiliya, isikhumbuzo sawo sibe njengewayini yaseLebhanon.
8. Efrayim, yintoni na esenam nezithixo? Okwam ndiyamphendula, ndímkhathalela; ndinjengomsipres* oluhlaza, siyafunyanwa kum isiqhamo sakho.
9. Ngubani na olumkileyo, aziqonde ezo zinto? Ngubani na onengqondo, azazi? Ngokuba zithe tye iindlela zikaYehova; ahamba ngazo amalungisa; ke bona abakreqi baya kukhubeka kuzo.