Uhoseya 14:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Sirayeli, buya, uze kuYehova, uThixo wakho; ngokuba ùkhubekile ngobugwenxa bakho.

2. Thabathani niphathe amazwi, nibuyele kuYehova; yithini kuye, Síxolele bonke ubugwenxa, wamkèle izinto zethu ezilungileyo, ukuze sinikele iinkunzi zeenkomo ezintsha, imibulelo yomlomo wethu.

3. UAsiriya akayi kusisindisa, asiyi kukhwela emahasheni, asiyi kuba sathi kumsebenzi wezandla zethu, Thixo wethu; kuba kuwe inkedama ifumana imfesane.

4. Ndiya kukuphilisa ukubuya kwabo umva, ndiya kubathanda ngesisa; ngokuba umsindo wam ubuyile kuye.

5. Ndiya kuba njengombethe kuSirayeli; úya kutyatyamba njengenyibiba, endelisele iingcambu zakhe njengeLebhanon.

Uhoseya 14