Thabathani niphathe amazwi, nibuyele kuYehova; yithini kuye, Síxolele bonke ubugwenxa, wamkèle izinto zethu ezilungileyo, ukuze sinikele iinkunzi zeenkomo ezintsha, imibulelo yomlomo wethu.