15. angadleli ezintabeni, amehlo akhe angawaphakamiseli kwizigodo zendlu kaSirayeli, umfazi wommelwane wakhe angamenzi inqambi;
16. angamxinzeleli phantsi umntu, angabambisi ngesibambiso, angaxhakamfuli; isonka sakhe asinike olambileyo, amgubungele ozé ngengubo;
17. abuyise isandla sakhe kolusizana; angadli abanye ngemali, angathabathi nzala yamboleko, wenza ngokwamasiko am, uhamba ngemimiselo yam: lowo unyana akayi kufa ngobugwenxa bukayise; inene uya kuphila.
18. Uyise yena, ngokokuba ecudisile kakubi, exhakamfula umzalwana, wenza okungalungileyo phakathi kwabantu bakowabo, yabonani, uya kufa ngobugwenxa bakhe.
19. Ukanti nìthi ke, Kungàthuba lini na ukuba unyana angabuthwali ubugwenxa bukayise? Unyana kaloku wenzé ngokwesiko nangobulungisa; uyigcinile yonke imimiselo yam, wayenza; inene, uya kuphila.
20. Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona wodwa. Unyana akayi kuthwala ubugwenxa bukayise, noyise akayi kubuthwala ubugwenxa bonyana; ubulungisa belungisa buya kuba phezu kwalo, nokungendawo kongendawo kuya kuba phezu kwakhe.
21. Ongendawo ke, xa athe wabuya ezonweni zakhe zonke azenzileyo, wayigcina yonke imimiselo yam, wenza ngokwesiko nangobulungisa, inene, uya kuphila; akayi kufa.
22. Zonke izikreqo zakhe azenzileyo aziyi kukhunjulelwa kuye; ngobulungisa bakhe abenzileyo, uya kuphila.
23. Kumnandi na kanene kum ukufa kongendawo? Itsho iNkosi uYehova. Okumnandi kum asikuko na ukuthi abuye ezindleleni zakhe, aphile?
24. Khona ekubuyeni kwelungisa ebulungiseni balo, lenza ngobugqwetha, ngokwamasikizi awenzileyo ongendawo, lophila na lona? Yonke imisebenzi yalo yobulungisa elayenzayo ayiyi kukhunjulwa; ngenxa yobumenemene balo elimeneze ngabo, nangenxa yezono zalo eloné ngazo: ngenxa yezo zinto liya kufa.
25. Ukanti nithi ke, Indlela yeNkosi ayilungelelene. Khanive, ndlu kaSirayeli; indlela yam ayilungelelene, yini na? Asizezenu na iindlela ezingalungeleleneyo?