Kwabasefilipi 1:17-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. ke aba, bénziwa luthando, bamazisa uKristu besazi ukuba ndimiselwe ukuziphendulela iindaba ezilungileyo.

18. Ibe yini ke? Noko kunjalo, ngeendlela zonke, nokuba kungokunyhwalaza, nokuba kungenyaniso, kwaziswa uKristu. Ndiyavuya kuko oko, ndaye ndisaya kuvuya.

19. Kuba ndiyazi ukuba oku kuya kuphumelela ekusindisweni kwam, ngako ukundikhungela kwenu, nangoncedo loMoya kaYesu Kristu;

20. kuye ngokulangazelela nangokuthemba kwam, ukuba andiyi kudaniswa nganto; úya kusuka ngako konke ukungafihlisi, njengokwamaxesha onke, athi nangoku enziwe mkhulu uKristu emzimbeni wam, nokuba na kungobomi, nokuba kungokufa.

21. Kuba kum mna, ukudla ubomi kunguKristu, ukufa kuyinzuzo.

22. Ke ukuba ukudla ubomi ndisenyameni kusisiqhamo somsebenzi kum oko, into ke endonyula yona andiyazi.

23. Kuba ndixinekile phakathi kwezinto ezimbini; ndinawo umnqweno wokunga ndingánduluka, ndiye kuba noKristu; kuba kokona kulungileyo kakhulu oko;

24. kodwa ukuhlala ndihleli ndisenyameni, yeyona nto ifunekayo ngenxa yenu.

25. Kananjalo, ndikholose ngoko nje, ndiyazi ukuba ndiya kuhlala ndihlale, ndihleli nani nonke, ukuze nihambele phambili, nivuyiswe lukholo;

26. ukuze iqhayiya lenu kuKristu Yesu ngam liye lisanda ngokwanda, ngako ukubuya ndibekho kuni.

27. Kodwa ke ukuhlala kwenu makube kokuzifaneleyo iindaba ezilungileyo zikaKristu, ukuze, nokuba ndifikile ndanibona, nokuba andifikanga, ndizive iindaba zenu, ukuba nimi moyeni mnye, ngamphefumlo mnye, nilwela inkolo yeendaba ezilungileyo,

28. ningòthuswa nantweni-nye ngabo bachasayo; into ke leyo engumbonakalaliso wentshabalalo okunene kubo, kodwa ingumbonakalaliso wosindiso kuni, kube ke oko kuvela kuThixo.

Kwabasefilipi 1