Izililo 4:11-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Úbuphelelisile ubushushu bakhe uYehova, ukuphalazile ukuvutha komsindo wakhe;Wafaka umlilo eZiyon, wazitshisa iziseko zayo.

12. Bebengenakukholwa ookumkani behlabathi, nabemi bonke belimiweyo.Ukuba ubengángenayo umbandezeli notshaba emasangweni aseYerusalem.

13. Kungenxa yezono zabaprofeti bayo, nobugwenxa bababingeleli bayo,Abaphalazé igazi lamalungisa phakathi kwayo.

14. Baphamzela beziimfama ezitratweni, bedyobhekile ligazi,Bada abantu ababa nakuchukumisa nezambatho zabo.

15. Sukani, nantso inqambi! Kwatshiwo ukumenyezwa kubo. Sukani, sukani, musani ukuphatha!Bakùsaba, baphamzela nalapho, kwathiwa phakathi kweentlanga,Mabangaphindi baphambukele khona.

16. Ubuso bukaYehova bubachithachithile, akasayi kubabheka;Ubuso bababingeleli ababubhekanga, amadoda amakhulu abawababalanga.

17. Thina, amehlo ethu ayaphela, ekhangele uncedo olungamampunge;Ekuboniseleni kwethu sibonisela uhlanga olungayi kusisindisa.

18. Bazingela amanyathela ethu, ukuze singabi nakuhamba ezitratweni zethu;Kusondele ukuphela kwethu, izalisekile imihla yethu; ewe, kufikile ukuphela kwethu.

19. Abasisukelayo banamendu ngaphezu kwamaxhalanga asezulwini;Basisukela ezintabeni ngokushushu, basilalela entlango.

20. Umoya wamathatha ethu, umthanjiswa kaYehova, ubanjisiwe emihadini yabo:Lowo besisithi, Siya kuhlala phantsi komthunzi wakhe ezintlangeni.

21. Yiba nemihlali uvuye kambe, ntombi yakwaEdom, ihleliyo ezweni lakwaUtse;Iya kudlulela nakuwe indebe; ùya kunxila, uzihlube.

22. Bugqityiwe ubugwenxa bakho, ntombi inguZiyon;Akayi kuphinda akufuduse;Ùya kubuvelela ubugwenxa bakho, ntombi yakwaEdom.Ùya kuzityhila izono zakho.

Izililo 4