11. Amehlo am aphela ziinyembezi, ziyabila izibilini zam,Isibindi sam siphalele emhlabeni, ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu,Ngokutyhafa kwabantwana, nabasemabeleni, ezitratweni zomzi.
12. Bamana ukuthi koonina, Iphi na ingqolowa newayini?Ekutyhafeni kwabo njengabangxwelerhiweyo ezitratweni zomzi,Ekuziphalazeni kwemiphefumlo yabo esifubeni sonina.
13. Ndíkungqinele, ngantoni na? Ndíkufànekise nantoni na, ntombi yaseYerusalem?Ndíkulingànise nantoni na, ukuze ndikuthuthuzele, ntombindini iyintombi, inguZiyon?Ngokuba kukhulu ngangolwandle ukwaphuka kwakho; ngubani na onokukuphilisa?
14. Abaprofeti bakho bakubonele imibono yento engento nejavujavu;Àbabutyhila ubugwenxa bakho, ukuba kubuyiswe ukuthinjwa kwakho;Bakubonéle imibono ezizihlabo ezingezizo, nezokugxothwa.
15. Bàbetha izandla ngawe bonke abadlula ngendlela;Benza umsondlo, bahlunguzele iintloko ngentombi enguYerusalem, besithi,Nguló mzi na, lo kuthiwa kuphela kwenzwakazi, yimihlali yehlabathi lonke?
16. Zonke iintshaba zakho zikwakhamisela umlomo;Zenza umsondlo, zitshixizela amazinyo; zithi, Siyiginyile;Inene, yiyo le imini ebe siyithembile; siyifumene, siyibonile.
17. Ukwenzile uYehova abekunkqangiyele;Ulizalisile ilizwi lakhe, abeliwisele umthetho kususela kwiimini zamandulo;Ugungxule, àkaconga;Wenzé lwakuvuyelela utshaba lwakho,Uphakamisé uphondo lwababandezeli bakho.
18. Intliziyo yabo ikhala eNkosini yam;Lùdonga lwentombi enguZiyon, mazihle iinyembezi njengomlambo imini nobusuku;Musa ukuyeka, malungaphezi ukhozo lweliso lakho.
19. Vuka, uhlahlambe ebusuku, ekuqalekeni kwemilindo;Yiphalaze njengamanzi intliziyo yakho ebusweni beNkosi;Ziphakamisele kuyo izandla zakho, ngenxa yomphefumlo wabantwana bakho,Abatyhafileyo kukulamba ekujikeni kwezitrato zonke.
20. Bóna, Yehova, ukhangele, ngubani na lo wènjénje ukumphatha kakubi?Abafazi bangádla isiqhamo somzimba wabo na? Badlè abantwana ababathantamisayo na?Angábulawelwa engcweleni yeNkosi na umbingeleli nomprofeti?
21. Balele emhlabeni phandle oyinkwenkwe noyindoda enkulu;Umthinjana wam namadodana am awile likrele;Ùbulele ngemini yomsindo wakho, usikile, akwaconga.
22. Ùkumemile ngokwemini yomthendeleko ukunxunguphala kwam ngeenxa zonke,Akwabakho usindayo, usalayo, ngemini yomsindo kaYehova.Endibathantamisileyo ndabakhulisa, utshaba lwam lubagqibele.