Igenesis 31:24-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Weza uThixo kuLabhan umAram ephupheni ebusuku, wathi kuye, Zilumkele, ungathethi nto kuYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi.

25. ULabhan wafika kuYakobi. Ke kaloku uYakobi ubeyigxumekile intente yakhe entabeni; uLabhan nabazalwana bakhe bagxumeka entabeni yaseGiliyadi.

26. Wathi uLabhan kuYakobi, Wenza ntoni na ukundilalanisa, uziqhube iintombi zam njengabathinjwe ngekrele?

27. Yini na ukuba uzímele, ubaleke, undilalanise, ungandixeleli? Ngendiba ndikundulule ngemivuyo, nangeengoma, nangengqongqo, nangohadi.

28. Yini na ukuba ungandivumeli ndibange oonyana bam neentombi zam? Kaloku wenzé ngobudenge.

29. Kusemandleni esandla sam ukunenza ububi; ke uThixo kayihlo uthethe nam phezolo, esithi, Zilumkele, ungathethi nto noYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi.

30. Ngoku umkileyo nje, ngokuba walangazelela kakhulu indlu kayihlo, uzibeleni na zona izithixo zam?

31. Waphendula uYakobi wathi kuLabhan, Bendisoyika, kuba bendisithi, Hleze uzixhakamfule kum iintombi zakho.

32. Osukuba uzifumana kuye izithixo zakho, makangadli bomi. Phambi kwabazalwana bethu fanisa into yakho enam, uyithabathe. Wayengazi uYakobi ukuba uRakeli uzibile.

33. Wangena uLabhan ententeni kaYakobi, nasententeni kaLeya, nasententeni yeempelesi zombini; akazifumana. Waphuma ententeni kaLeya, wangena ententeni kaRakeli.

34. Ke kaloku uRakeli ebeyithabathile imilonde-khaya, wayifaka phakathi kwesali yenkamela, wahlala phezu kwayo. ULabhan wayiphuthaphutha yonke intente, akayifumana.

35. Wathi kuyise, Mawungabi namsindo, nkosi yam, kuba ndingenako ukusuka phambi kwakho, ngokuba ndihleli phezu kwengca. Wagquthagqutha, akayifumana imilonde-khaya.

36. Wavutha umsindo kaYakobi, wabambana noLabhan. Waphendula uYakobi, wathi kuLabhan, Luyintoni na ukreqo lwam, siyintoni na isono sam, ukuba undisukele ngokushushu nje?

37. Uziphuthaphuthile zonke iimpahla zam; ufumene ntoni na yazo zonke iimpahla zendlu yakho? Yibeke apha phambi kwabazalwana bam, nabazalwana bakho, bahlule phakathi kwethu sobabini.

38. Le minyaka imashumi mabini bendinawe; iimazi zakho zeegusha, neemazi zeebhokhwe aziphunzanga, neenkunzi zempahla yakho emfutshane andizidlanga.

39. Into eqwengiweyo andiyizisanga kuwe, ndayimisela ngokwam; wayibiza esandleni sam nokuba ibíwe emini, nokuba ibíwe ebusuku.

40. Emini ndadliwa bubushushu, ebusuku yingqele; ubuthongo bam bemka emehlweni am.

41. Kwaba njalo kum le minyaka imashumi mabini endlwini yakho; ndakukhonza iminyaka elishumi elinaminé ngenxa yeentombi zakho zombini, iminyaka emithandathu ngenxa yempahla yakho emfutshane; ùwuguqule kalishumi umvuzo wam.

42. Koko uThixo kabawo, uThixo ka-Abraham, Ohlonelwa nguIsake, waba nam, inene ùnge ùndindulule ndilambatha ngoku. UThixo uzibonile iintsizi zam nokuxelenga kwezandla zam, wakohlwaya phezolo.

43. ULabhan waphendula wathi kuYakobi, Iintombi ziintombi zam, oonyana ngoonyana bam, impahla emfutshane yimpahla yam, neento zonke ozibonayo zezam. Ndinakwenza ntoni na namhla ezintombini zam ezi, nakoonyana bazo ezibazeleyo?

Igenesis 31