1. Kwathi gaxa khona indoda elitshijolo, egama linguShebha, unyana kaBhikri, umBhenjamin. Yavuthela isigodlo, yathi, Asinasabelo thina kuDavide, asinalifa kunyana kaYese; yiyani elowo ezintenteni zenu, maSirayeli.
2. Enyuka ke onke amadoda akwaSirayeli, emka ekumlandeleni uDavide, alandela uShebha unyana kaBhikri; ke amadoda akwaYuda anamathela kukumkani wawo, ethabathela eYordan esa eYerusalem.
3. Weza uDavide endlwini yakhe eYerusalem; ukumkani wabathabatha abafazi bakhe abalishumi abangamashweshwe, abebashiyile ukuba bagcine indlu, wababeka endlwini yogcino, wabaxhasa, akangena kubo. Bavalelwa ke yada yaba yimini yokufa kwabo, behleli bengabahlolokazi.
4. Wathi ukumkani kuAmasa, Ndíhlabele umkhosi kumadoda akwaYuda ngemihla emithathu, ubekho nawe apha.
5. UAmasa waya kuwahlabela umkhosi amaYuda, walíbala ngaphezu kwexesha abemiselwe lona.
6. Wathi uDavide kuAbhishayi, Kungokunje uShebha, unyana kaBhikri, uya kusenzela ububi ngaphezu koAbhisalom; báthabathe wena abakhonzi benkosi yakho, umsukele, hleze afumane imizi enqatyisiweyo, asizímele.
7. Aphuma amlandela amadoda kaYowabhi, nabancinithi, nezigidimi, namagorha onke; baphuma ke eYerusalem, baya kumsukela uShebha unyana kaBhikri.