2 Usamuweli 18:26-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Yeza isiza yasondela. Umlindi wabona enye indoda ibaleka; umlindi wamemeza esangweni, wathi, Nantsiya indoda ibaleka iyodwa. Wathi ukumkani, Naleyo ingumshumayeli weendaba ezilungileyo.

27. Wathi umlindi, Ndikubona ukubaleka kwephambili kufana nokubaleka kuka-Ahimahatse, unyana kaTsadoki. Wathi ukumkani, Yindoda elungileyo leyo, iza neendaba ezilungileyo.

28. Wamemeza uAhimahatse, wathi kukumkani, Hlala kakuhle. Waqubuda ngobuso emhlabeni kukumkani, wathi, Makabongwe uYehova uThixo wakho, owanikeleyo amadoda asiphakamisileyo isandla sawo enkosini yam ukumkani.

29. Wathi ukumkani, Ihleli kakuhle na indodana uAbhisalom? Wathi uAhimahatse, Ndiboné ingxokolo enkulu, ekumthumeni kukaYowabhi umkhonzi kakumkani, nomkhonzi wakho lo, ndingazi ukuba yintoni na.

30. Wathi ukumkani, Shenxela ecaleni, ume apha. Washenxa wema.

31. Nanko ke uKushi efika. Wathi uKushi, Mayishunyayezwe iindaba ezilungileyo inkosi yam ukumkani; ngokuba uYehova ukugwebele namhla, wakukhulula esandleni sabo bonke ababesukele phezulu kuwe.

32. Wathi ukumkani kuKushi, Ihleli kakuhle na indodana uAbhisalom? Wathi uKushi, Iintshaba zenkosi yam ukumkani, nabo bonke abasukele phezulu kuwe ukukwenza into embi, mababe njengaloo ndodana.

33. Wagungqa ukumkani; wenyuka waya egumbini eliphezu kwesango, walila, wathetha ekuyeni kwakhe, esithi, Nyana wam, Abhisalom, nyana wam, nyana wam, Abhisalom! Akwaba bekufe mna esikhundleni sakho, Abhisalom, nyana wam, nyana wam!

2 Usamuweli 18