20. Wathi uYowabhi kuye, Àkunguye mfo weendaba ezilungileyo namhla; woshumayela iindaba ezilungileyo ngenye imini, kodwa namhla akusayi kushumayela zindaba zilungileyo, ngokuba unyana wokumkani ufile.
21. Wathi uYowabhi kuKushi, Hamba uye kumxelela ukumkani okubonileyo. Waqubuda uKushi kuYowabhi, wagidima ke.
22. Wabuya waphinda uAhimahatse, unyana kaTsadoki, wathi kuYowabhi, Nokuba kutheni, makhe ndimlandele nam uKushi. Wathi uYowabhi, Yini na ukuba ugidime, nyana wam, ungenazindaba zilungileyo zinanzuzo nje?
23. Wathi, Nokuba kutheni, mandigidime. Wathi kuye, Gidima. Wagidima ke uAhimahatse ngendlela yaloo mmandla, wegqitha kuKushi.
24. Ke uDavide ebehleli phakathi kwamasango amabini. Umlindi waya emphezulwini wesango eludongeni, waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nanko kusiza indoda, ibaleka iyodwa.
25. Wamemeza umlindi, waxelela ukumkani. Wathi ukumkani, Ukuba iyodwa, ineendaba ezilungileyo emlonyeni wayo.
26. Yeza isiza yasondela. Umlindi wabona enye indoda ibaleka; umlindi wamemeza esangweni, wathi, Nantsiya indoda ibaleka iyodwa. Wathi ukumkani, Naleyo ingumshumayeli weendaba ezilungileyo.
27. Wathi umlindi, Ndikubona ukubaleka kwephambili kufana nokubaleka kuka-Ahimahatse, unyana kaTsadoki. Wathi ukumkani, Yindoda elungileyo leyo, iza neendaba ezilungileyo.